Umateyu 26:59-61 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

59. Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga;

60. nangona afikáyo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini, athi, Lo wathi,

61. Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.

Umateyu 26