Umateyu 26:43-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.

44. Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.

45. Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.

46. Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.

Umateyu 26