Umateyu 26:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,

2. Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika,* aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

3. Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;

4. babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.

5. Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.

Umateyu 26