Umateyu 23:10-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu.

11. Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu.

12. Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.

13. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangénayo anibavumeli ukuba bangene.

Umateyu 23