Umateyu 22:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni.

10. Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.

11. Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho.

12. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho?

Umateyu 22