Umateyu 22:29-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.

30. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.

31. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,

32. Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.

33. Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.

Umateyu 22