Umateyu 21:43-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.

44. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.

45. Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo.

46. Bathi befuna ukumbamba, boyika abantu, ekubeni ke babebambe ukuthi ungumprofeti.

Umateyu 21