Umateyu 21:25-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na? Bacamanga ke bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

26. Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, soyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti.

27. Bamphendula uYesu bathi, Asazi.Wathi naye kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

28. Nithini na ke nina? Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam.

29. Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya.

Umateyu 21