Umateyu 20:29-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Bakubon' ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.

30. Nanko kuhleli iimfama zímbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.

31. Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.

32. Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?

33. Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.

Umateyu 20