11. Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu,
12. besithi, Aba bokugqibela basebenzé ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini.
13. Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?
14. Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako.
15. Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndílungile mna?