Umateyu 19:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?

6. Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.

7. Bathi kuye, Phofu ibiyini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale?

8. Athi kubo, UMoses ngenxa yobulukhuni beentliziyo zenu wanivumela ukuba nibale abafazi benu; ke ekuqalekeni bekungenjalo.

9. Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.

10. Bathi kuye abafundi bakhe, Ukuba unjalo umcimbi womntu nomfazi, akulungile ukuzeka.

11. Wathi ke yena kubo, Asibantu bonke abaliqondayo elo lizwi; ngabo banikiweyo bodwa.

Umateyu 19