Umateyu 18:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu?

2. UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo.

3. Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.

4. Osukuba ngoko ethe wazithoba njengaló mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu.

Umateyu 18