Umateyu 15:36-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.

37. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele.

38. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amané amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana.

39. Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.

Umateyu 15