Umateyu 14:6-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode.

7. Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo.

8. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.

9. Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe.

10. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho.

11. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina.

12. Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.

13. Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini.

14. Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.

15. Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla.

16. Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye.

17. Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.

18. Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.

19. Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele.

20. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele.

Umateyu 14