Umateyu 13:15-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba,Beva ngeendlebe ezithe nkqi,Bayawacima namehlo abo;Hleze babone ngamehlo,Beve ngeendlebe,Baqonde ngentliziyo,Bajike,Ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)

16. Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva.

17. Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqweneláyo ukuzibona izinto enizibonayo àbazibona; nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.

18. Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli:

19. akubon' ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni.

20. Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo;

21. abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.

22. Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.

23. Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.

24. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe.

25. Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka.

26. Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza.

27. Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? Phofu iwuzuze phi na umdiza?

28. Wathi ke kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi ke abakhonzi kuye, Ùyathanda na ke ukuba siye siwubuthe?

29. Uthe ke, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo.

Umateyu 13