Umateyu 12:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha.

9. Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu.

10. Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele.

11. Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?

12. Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha.

13. Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.

14. Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.

15. Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.

16. Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;

17. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,

18. Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo;Intánda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam;Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe,Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.

19. Akayi kuphika, akayi kunkqangaza,Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni.

20. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula,Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima,Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo;

Umateyu 12