34. Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? Kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
35. Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo.
36. Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewaní abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo;
37. kuba ngawo amazwi akho ùya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho ùya kugwetywa.