25. Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yamazulu nehlabathi, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana;
26. ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo.
27. Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho umaziyo uNyana, kuphela nguYise; akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo athi uNyana athande ukumtyhilela.
28. Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.
29. Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.
30. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.