Umateyu 11:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.

12. Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.

13. Kuba bonke abaprofeti nomthetho báprofeta kwada kwakho uYohane.

14. Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.

15. Lowo uneendlebe zokuva makeve.

16. Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Sifana namakhwenkwana ehleli ezindaweni zembutho,

17. ekhwaza abalingane bawo, esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela.

18. Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Ùnedemon.

Umateyu 11