Umateyu 10:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.

7. Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele.

8. Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkéle ngesisa, yiphani ngesisa.

9. Ningaziqwebeli golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu;

10. nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsébenzi ufanelwe kukudla kwakhe.

11. Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibúzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke.

12. Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise.

13. Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni.

14. Nóthe àkawamkela, akaweva amazwi enu, nàkuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu.

Umateyu 10