Umateyu 10:25-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule,* akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe?

26. Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.

27. Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu.

28. Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.

Umateyu 10