5. uSalemon wazala uBhohazi ngoRahabhi; uBhohazi wazala uObhede ngoRute; uObhede wazala uYese;
6. uYese wazala uDavide ukumkani.UDavide ke ukumkani wazala uSolomon ngobengumkaUriya;
7. uSolomon wazala uRehabheham; uRehabheham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;
8. uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya;
9. u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya;
10. uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya;
11. uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon.*
12. Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uZerubhabheli;
13. uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;
14. uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uYakin; uYakin wazala uElihudi;
15. uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;
16. uYakobi ke wazala uYosefu, indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, okuthiwa nguKristu.*
17. Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinaziné.
18. Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon' ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele.
19. Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.