Umateyu 1:20-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Akubon' ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele.

21. Úya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu;* kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.

22. Ke kaloku oku konke kwenzeké, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi,

Umateyu 1