Umarko 9:37-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.

38. Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.

39. Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam.

Umarko 9