36. Úthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo,
37. Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.
38. Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.
39. Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam.
40. Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu.
41. Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu,* inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.
42. Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.