Umarko 7:25-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;

26. yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.

27. Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.

28. Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.

29. Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.

30. Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesingqengqelo.

Umarko 7