21. Kwathi, kwakufika umhla owamlungelayo uHerodiya, xeshikweni uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayezenzela isidlo izidwangube zakhe, nabathetheliwaka, namanene elaseGalili,
22. yakubon' ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndícele into osukuba uyithanda; ndokupha.
23. Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam.
24. Iphumile ke yathi kunina, Ndicèle ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi.