Umarko 5:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wayembuza esithi, Ùngubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.

10. Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.

11. Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

12. Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.

Umarko 5