4. ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa.
5. Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye.
6. Uthe ke akumbona uYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye,
7. wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi.
8. Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo.
9. Wayembuza esithi, Ùngubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.
10. Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.
11. Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.