22. Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,
23. ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.
24. Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.
25. Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,
26. eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu:
27. yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;
28. kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.
29. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.
30. UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?
31. Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo?