Umarko 5:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara.

2. Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo,

3. ephuma emangcwabeni, obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane;

4. ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa.

Umarko 5