17. babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.
18. Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi;
19. aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingène ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.
20. Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.
21. Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso?
22. Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingàfihlelwa ukuba ize ekuhléni.
23. Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.
24. Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo.
25. Kuba osukuba enako uya kunikwa, nongenako uya kuhluthwa kwanoko anako.
26. Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni;
27. aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.
28. Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini;
29. athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna.
30. Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na?
31. Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni;
32. luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo.
33. Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva.
34. Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.
35. Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya.
36. Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye.
37. Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku.