Umarko 3:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye.

14. Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo,

15. babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.

16. YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros;

17. yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo;

18. yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan,

19. noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.

20. Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka.

21. Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Úyageza.

22. Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, ÚnoBhelezebhule;* besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.

23. Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana?

24. Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;

25. nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;

Umarko 3