1. Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usekhaya,
2. Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi.
3. Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané.
4. Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.