Umarko 16:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yakubon' ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise.

2. Bathi kwakusasa kakhulu, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, liphumile ilanga.

3. Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?

4. Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu.

Umarko 16