Umarko 15:45-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

45. Wathi akuqonda kumthetheli-khulu lowo, wamnika uYosefu umzimba.

46. Yena, ethenge ilinen entle, wamthula; wamsongela kuyo ilinen entle; wamlalisa engcwabeni elalixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba.

47. Baye ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, bebona apho wayebekwe khona.

Umarko 15