19. Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.
20. Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni.
21. Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
22. Amzisa endaweni yeGologota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi.
23. Ayemnika iwayini enemore,* ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga.
24. Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile.
25. Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni.
26. Waye umbhalo wetyala lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, UKUMKANI WAMAYUDA.
27. Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe.
28. Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.