1. Kwakubon' ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?
2. Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
3. Baye, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi,