Umarko 1:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.

2. Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa,Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho,Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.(UMal. 3:1)

3. Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,Wulungiseni umendo weNkosi;Zityenenezeni iindlela zayo!(UIsaya 40:3)

4. Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.

5. Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.

Umarko 1