1. Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.
2. Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa,Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho,Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.(UMal. 3:1)
3. Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,Wulungiseni umendo weNkosi;Zityenenezeni iindlela zayo!(UIsaya 40:3)
4. Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.