Uluka 9:50-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

50. Wathi uYesu kuye, Musani ukumalela; kuba ongachasene nathi, ungecala lethu.

51. Ke kaloku kwathi, yakuzaliseka imihla yokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem.

52. Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; behambile ke, bangena emzaneni wamaSamariya ukuba bamlungiselele.

53. Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem.

54. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo?

Uluka 9