Uluka 9:47-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

47. Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye.

48. Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.

49. Waphendula uYohane wathi, Mongameli, sabona othile ekhupha iidemon egameni lakho; samalela, ngokuba engalandelani nathi.

50. Wathi uYesu kuye, Musani ukumalela; kuba ongachasene nathi, ungecala lethu.

51. Ke kaloku kwathi, yakuzaliseka imihla yokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem.

52. Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; behambile ke, bangena emzaneni wamaSamariya ukuba bamlungiselele.

Uluka 9