1. Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo.
2. Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.
3. Wathi kubo, NingĂ phathi nto yandlela, namisimelelo, nangxowa yamphako, nasonka, namali, ningabi nangubo zangaphantsi ngambini;
4. nasendlwini enithe nangena kuyo, hlalani khona, ukumka nisuke khona.
5. Abo sukuba benganamkeli, yithini nakuphuma kuloo mzi, niluvuthulule nothuli ezinyaweni zenu, kube bubungqina oko kubo.
6. Bephumile ke, bayihambahamba imizana, bezishumayela iindaba ezilungileyo, bephilisa ezindaweni zonke.
7. Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waziva zonke izinto ezenziwayo nguye; wesuka wathingaza, ngenxa yokuba bekusithiwa ngabanye, Kuvuke uYohane kwabafileyo;
8. kuthiwe ke ngabanye, Kubonakale uEliya; kuthiwe ngabanye, Kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange.
9. Wathi uHerode, UYohane mna ndamnqamla intloko; lo ke ngubani na, ndiva kuthethwa izinto ezinje ngaye. Wayefuna ke ukumbona.