Uluka 9:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo.

2. Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.

3. Wathi kubo, NingĂ phathi nto yandlela, namisimelelo, nangxowa yamphako, nasonka, namali, ningabi nangubo zangaphantsi ngambini;

4. nasendlwini enithe nangena kuyo, hlalani khona, ukumka nisuke khona.

5. Abo sukuba benganamkeli, yithini nakuphuma kuloo mzi, niluvuthulule nothuli ezinyaweni zenu, kube bubungqina oko kubo.

Uluka 9