Uluka 7:21-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona.

22. Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.

23. Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.

24. Ke kaloku, bakubon' ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, NayƩ niphume naya kubona ntoni na entlango? Yaye iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?

25. Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani.

Uluka 7