1. Ke kaloku, wathi uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango.
2. Wantsuku zimashumi mané ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba.
3. Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka.
4. UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.