Uluka 3:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi,Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,Yilungiseni indlela yeNkosi,Wutyenenezeni umendo wayo.

5. Yonke imifula iya kudityelelwa,Nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa,Neendawo ezigoso ziya kuthi tye,Nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo;

6. Bonke abantu baya kulubona usindiso lukaThixo.(UIsaya 40:3-5)

7. Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?

8. Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.

9. Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.

10. Zaye izihlwele zibuza kuye, zisithi, Masenze ntoni na ke?

11. Waphendula ke wathi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenáyo: nalowo unokudla, makenjenjalo.

Uluka 3