Uluka 24:50-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

50. Ke kaloku wabarholela ngaphandle, kwada kwaya eBhetani; waziphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.

51. Kwathi, ekubasikeleleni kwakhe, wahluka kubo, wenyuswa wasiwa emazulwini.

52. Baza bona, bakuba bequbudile kuye, babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu.

53. Bamana behleli etempileni, bedumisa, bebonga uThixo. Amen.

Uluka 24