2. Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni.
3. Bakuba bengenile, àbawufumananga umzimba weNkosi uYesu.
4. Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo.
5. Ke kaloku, bakubon' ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo?
6. Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili, esithi,
7. UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
8. Bawakhumbula ke amazwi akhe;
9. bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.
10. Baye ke bengooMariya waseMagadala, noYohana, noMariya kaYakobi, nabanye ababenabo, abazixeláyo ezo zinto kubapostile.*
11. Amazwi abo abonakala emehlweni abo engáthi kukulavuza; àbakholwa ngabo.
12. Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wagoduka, emangalisiwe koko kuhlileyo.
13. Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya* zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi.
14. Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile.
15. Kwathi, ekuxoxeni kwabo, nasekubuzaneni kwabo, uYesu ngokwakhe wasondela wahamba nabo.