Uluka 23:48-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

48. Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo.

49. Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.

50. Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo,

51. elilungisa (yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo;

52. eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu.

Uluka 23